Patients

Procedures

«Back

Incazelo Yezigulane Ezizokwenziwa Uhlolo Lwesisu



English  |  Afrikaans  |  Xhosa 
Ugqirha wakho ucela ukuhlola umphimbo ,isisu kwakunye namathumbu amancinci ukwenzela azokwazi ukuqonda nasiphi isigulo esikhoyo kwezindawo.Oku kuzomnceda akwazi ukukunceda ngokungaphatheki kwakho kakuhle zezizifo.Amalungiselelo oluhlolo anyanzelisa okokuba kungabikho kutya esiswini.Lento ithetha okokuba kufuneka ungatyi okanye usele nantonina phambi kokuba kwenziwe oluhlolo kangangexesha elingangeyure ezimbalwa,ixesha elininzi kunyanzeleka okokuba ugqibele ukutya ngobusuku obuphambi koluhlolo.Ukutya okuqinileyo kubalulekile okokuba kungatyiwa kangangexesha elingangeyure ezintandathu phambi kohlolo ,isiselo sona kangangexesha eliziyure ezine phambi kokuba kwenziwe oluhlolo. 

Ngezizathu zokoyika nokungaqhelani nalendlela yokuhlola,izigulane zidlangokunikwa iyeza lokuthomalalisa ingqondo, "conscious sedation"-le yincwadi ezakunika zonke incukaca ngemithomalalisi yengqondo.Izigulane sizinika igcuncwane leyeza ekuthiwa yiDormicum okanye omnye umthomalalisi ofana nalo emthanjeni.Okokuba likelakhona nokokuba leliphina iyeza elikelakugulisa ngaphambili kubalulekile okokuba uxelele ugqirha ngaphambi kokuba akunike naliphina iyeza.Umthomalalisi wentlungu uye anikwe azokuthambisa umva womqala ukwenzela nombhobho azokungena lula emphinjeni.

Oluhlolo lwenziwa isigulane silele ngecala lasekhohlo kwitafile entofontofo kwigumbi elikhanyiswe kancinci .Umbhobho omde othambileyo ogobekalula ufakwa emlonyeni.Isigulane kufuneka siginye ,ugqirha awudlulisele emphinjeni lombhobho kalula.Into yokukhusela umlomo iye ifakwe emlonyeni ukwenzela amazinyo ahlale ngaphezulu kwayo ukwenzela nombhobho ungamoshakali.Ngelixesha oluhlolo lusenziwa ugqirha uvuthela umoya omncinci kumphimbo nasesuswini ukwenzela azokwazi nokufunxa izikhwehlela namathe anokuphuma.Xa lombhobho udlula esiswini okanye emathunjini amancinci kumaxesha amaninzi kudla ngokubakhona imvakalelo engaba phathi kakuhle abantu abaninzi kodwa lemvakalelo idlangokubangcono xa lombhobho ubuyiselwe esuswini.Amaqhekeza amancinci angaphakathi odongalwesisu okanye lwamathumbu amancinci adlangokuthathwa ukwenzela azokuphononongwa kumtshini ekuthiwa yimicroscope.Isigulane asivabuhlungu xa kusenziwa oluhlolo.

Zikwakhona neengozi ezenzekayo xa kusenziwa oluhlolo
  1. Ngamaxesha athile isigulane sibanokudumba kwindawoenomthambo ebekufakwe kuyo iyeza lokuthomalalisa ingqondo.Okukudumba kubancono emva kwentsuku ezimbalwa.

  2. Ezinye izigulane ziyezikhalaze ngokubabuhlungu komqala.Umqala obuhlungu udlangokuphela emva kwentsuku ezimbalwa.Kodwa xa uqhubekeka umqala usibabuhlungu,uphinde ubenomkhuhlane okanye ukudumba,ibalulekile okokuba ubone ugqirha ngokukhawuleza.

  3. Kukho amathuba amancinci okonzakala umphimbo nesisu emva koluhlolo.

  4. Akwakho namathuba okuphefumla izinto ezisesuswini zingene emiphunjeni-Ukurhaxwa.

  5. Ukopha okusuka esuswini okanye emathunjini emva kohlolo kunqabile.

Xa kugqityiwe umbhobho uyakhutswa emveni koko ucelwe okokuba uphumle kwigumbi lokuphumla kangangexesha eliyiyure ukwenzela ingqondo izokubuyela esimenisayo.Emveni koko ungabuyela esiqhelweni.

Okokuba kukho imibuzo onayo okanye into ongayiqondiyo uyacelwa okokuba ungenqeni ukubuza kugqirha wakho.
 

To open a printable version click here